11. “Phi ke! Abantu bam zange baphulaphule;abafunanga nokuva oku ngam.
12. Ndaza ke ndabayekela kwezo nkani zabo,ukuze benze ngokuthanda kwabo.
13. Ngamana nandiphulaphula, bantu bam;akwaba ubungandithobela, Sirayeli.
14. Bendingazigeqayo iintshaba zakho;ewe, bendiya kuzinyhasha iintshaba zakho.
15. Abamthiyileyo uNdikhoyo bebeya kushwabana,isigwebo sabo sibe ngumlibe.
16. Bendiya kunondla ngeyona-yona ngqolowa,ndinanelise ngobusi obupholileyo.”