1. Khawubek' iindlebe, malusi kaSirayeli!Wena makhokel' uJosefu njengomhlambi,wena osesihlalweni *ngakwizithunywa ezimaphiko,
2. khanya kwaEfrayim nakwaBhenjamin nakwaManase;ngaloo mandla akho yiza usisindise.
3. Awu, Thixo, yiba nebuyambo;velana nathi usisindise!
4. *Ndikhoyo Thixo onamandla onke,koda kube nini ungayamkeli imithandazo yabantu bakho?
5. Wena usondle ngeentsizi,wasiseza iinyembezi.
6. Usitsho abamelwane baxhwithana ngathi;ngoku iintshaba zihlekisa ngathi.
7. Awu, Thixo Somandla, yiba nebuyambo;velana nathi usisindise!