Iindumiso 80:1-13 Ibhayibhile (XHO96)

1. Khawubek' iindlebe, malusi kaSirayeli!Wena makhokel' uJosefu njengomhlambi,wena osesihlalweni *ngakwizithunywa ezimaphiko,

2. khanya kwaEfrayim nakwaBhenjamin nakwaManase;ngaloo mandla akho yiza usisindise.

3. Awu, Thixo, yiba nebuyambo;velana nathi usisindise!

4. *Ndikhoyo Thixo onamandla onke,koda kube nini ungayamkeli imithandazo yabantu bakho?

5. Wena usondle ngeentsizi,wasiseza iinyembezi.

6. Usitsho abamelwane baxhwithana ngathi;ngoku iintshaba zihlekisa ngathi.

7. Awu, Thixo Somandla, yiba nebuyambo;velana nathi usisindise!

8. Wena weza nomdiliya eJiputa,wazigxotha iintlanga, watyala wona.

9. Walima wawulungiselela umhlaba,wamila waxanda emhlabeni wonke.

10. Ithunzi lawo lafikelela ezintabeni,lawagquma amasebe emisedare.

11. Amasebe awo afikelela elwandle,iingcambu zafikelela e-Efrati.

12. Uludilizeleni ke uthango lwawo,abadlulayo sebegqwathula iziqhamo nje?

13. Ngoku sewunqunqudwa nayingulube;iinyamakazi zizifikisela kuwo.

Iindumiso 80