1. Iintshaba ziwuhlasele umhlaba wakho, Thixo;ziyixabhele indlu yakho engcwele,iJerusalem itsho yalinxuwa.
2. Imizimba yezicaka zakho kukutya kweentaka,izidumbu zazo zityiwa ziinyamakazi.
3. Igazi lazo laphalala njengamanzi,laba ngumgxobhozo ojikelez' iJerusalem,kungekho bani wokuzifihla.