Iindumiso 78:34-44 Ibhayibhile (XHO96)

34. Akubohlwaya babuyela kuye,baguquka bazinikela kuThixo.

35. Bakhumbula ukuba nguThixo inqaba yabo,bangáhlangulwa nguThixo uPhezukonke.

36. Kodwa kuloo nto yonke bamqhatha;bâthi: “Lala, gusha, ndikuchebe.”

37. Zabe iintliziyo zona zikude lee kuye,bengakhange bawunanze umnqophiso wakhe.

38. Kambe ke yena uThixo waba nenceba,wabaxolela iziphoso zabo,wazibamba akabatshabalalisa;ewe, wayewubamba futhi umsindo wakhe,wayithomalalisa ingqumbo yakhe.

39. Wakhumbula ukuba bangabantu,into edlula njengomoya iphele.

40. Kwaba kaninzi bemvukela entlango;ewe, babemtsho abe neenzingo kwelingamiwayo.

41. Baphinda-phinda ukumvavanya,bamcaphukisa oyiNgcwele kaSirayeli.

42. Bamlibala àbamkhumbula ngamandla akhe,bawulibala umhla wokuhlangulwa kwabo elutshabeni.

43. Abayikhumbulanga imiqondiso yakhe yaseJiputa,nemimangaliso yakhe kumathafa aseZowan,

44. apho wawajika khona amanzi aba ligazi,kwayinqaba kumaJiputa ukusela emithonjeni.

Iindumiso 78