Iindumiso 77:8-16 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ngaba lutshitshile na uthando lwayo?Sibhangile na isithembiso sayo?

9. Selekulibele na uThixo ukubuya ngetarhu?Ngaba umsindo wakhe uluvalile uvelwano?”

10. Ndide ndithi: “Nantsi eyona indixhelayo:kukunqamka kwamandla kaPhezukonke.

11. Ndikhumbula izenzo zakho, *Ndikhoyo;ewe, ndicinga ngemimangaliso yamandulo.

12. Ndicamngca ngemisebenzi yakho;ndetyisa izenzo zakho ezikhwankqisayo.”

13. Hayi ke beth' ubunyulu bukaThixo!Thixo wuphi ofana noThixo wethu?

14. Wena unguThixo owenza imimangaliso;amandla akho abonakele phakathi kwabantu;

15. Wabakhulula ngamandla akho abantu;ewe, nditsho oonyana bakaYakobi nabakaJosefu.

16. Uthi wakuvela wena, Thixo, arhwaqel' amanzi,nenzongonzongo yolwandle ingcangcazele.

Iindumiso 77