Iindumiso 77:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndiyakhwaza, ndibhekisa kuThixo;ndikhala kuye, ukuba andiphulaphule.

2. Ngomhla wenkathazo ndibhenela eNkosini;ebusuku ndiyazingisa, ndiziphakamisela kuyo izandla,umoya wam ungavumi ukuthuthuzeleka.

3. Ndakucinga ngoThixo, ndiba nesingqala;ndakucamngca, uyatyhafa umoya wam.

4. Andisabazi nobuthongo;ndixakwe nakukuthetha ziinkathazo.

5. Hay' imihla yamfamlibe;ndikhumbul' iminyaka yamandulo.

6. Ebusuku ndidliwa ngumva-ndedwa;ndiyacamngca ndiyicikida intliziyo yam, ndisithi:

7. “Ngaba yondilahla kuphele iNkosi,ingaze ibuye indamkele?

8. Ngaba lutshitshile na uthando lwayo?Sibhangile na isithembiso sayo?

9. Selekulibele na uThixo ukubuya ngetarhu?Ngaba umsindo wakhe uluvalile uvelwano?”

10. Ndide ndithi: “Nantsi eyona indixhelayo:kukunqamka kwamandla kaPhezukonke.

11. Ndikhumbula izenzo zakho, *Ndikhoyo;ewe, ndicinga ngemimangaliso yamandulo.

Iindumiso 77