1. UThixo uyaziwa kwaJuda;igama lakhe lidumile kwaSirayeli.
2. IseJerusalem indlu yakhe;ikhaya lakhe liseZiyon.
3. Wazikroboza iintolo namakhakha,amakrele nezikrweqe zemfazwe.
4. Kambe wena uyamangalisa ngokuqaqamba,ubalasele kuneentaba eziyokoyoko.
5. Amagorha uwahluthe amaxhoba;amajoni alala undolala,akabi nako ukuzisebenzisa izikrweqe.
6. Uthi nje wakukhalima, Thixo kaYakobi,amahashe nabawakhweleyo babe zizigede.
7. Awu, uyamangalisa kambe!Ngubani onokujongana nawewakuvutha umsindo wakho?
8. Wena wagweba usemazulwini,ihlabathi latsho lakhwankqiswa.