3. kuba ndinekhwele ngabaqhayisayo,kukubona inkqubela yabakhohlakeleyo.
4. Kaloku bona abazani nantlungu;baphile bayimiqaba-qaba.
5. Abakhathazwa nto njengabanye abantu;abafunyanwa zizibetho njengabanye.
6. Ngoko ke bagaxel' ikratshi;bathi wambu ugonyamelo.
7. Badumb' amehlo kukutyeba;iintliziyo ziphuphum' ubuqhophololo.
8. Bayangcikiva benentlamba;baziphakamisile basongela ngengcinezelo.
9. Bangcikiva nkqu namazulu;batheth' unothanda emhlabeni.
10. Ke bona abantu bayabamkela;barhorhozela emva kwabo.
11. Bathi: “UThixo ngeke aqonde;uPhezukonke ngeke asibhaqe.”
12. Banjalo ke abakhohlakeleyo;abazihluphi nganto, kodwa bayahluma.
13. Ngani ke ukuba ndiziphathe kakuhle,ndizigcine ndinyulu?
14. Kaloku andahlukani nentlupheko;miso le ndiyohlwaywa.
15. Xa bendithetha kanjalobendingaba ndingcatsha abantu bakho.