Iindumiso 73:2-15 Ibhayibhile (XHO96)

2. Kodwa ke mna suka ndathandabuza,ewe, gcwizi ndityibilike,

3. kuba ndinekhwele ngabaqhayisayo,kukubona inkqubela yabakhohlakeleyo.

4. Kaloku bona abazani nantlungu;baphile bayimiqaba-qaba.

5. Abakhathazwa nto njengabanye abantu;abafunyanwa zizibetho njengabanye.

6. Ngoko ke bagaxel' ikratshi;bathi wambu ugonyamelo.

7. Badumb' amehlo kukutyeba;iintliziyo ziphuphum' ubuqhophololo.

8. Bayangcikiva benentlamba;baziphakamisile basongela ngengcinezelo.

9. Bangcikiva nkqu namazulu;batheth' unothanda emhlabeni.

10. Ke bona abantu bayabamkela;barhorhozela emva kwabo.

11. Bathi: “UThixo ngeke aqonde;uPhezukonke ngeke asibhaqe.”

12. Banjalo ke abakhohlakeleyo;abazihluphi nganto, kodwa bayahluma.

13. Ngani ke ukuba ndiziphathe kakuhle,ndizigcine ndinyulu?

14. Kaloku andahlukani nentlupheko;miso le ndiyohlwaywa.

15. Xa bendithetha kanjalobendingaba ndingcatsha abantu bakho.

Iindumiso 73