Iindumiso 73:19-28 Ibhayibhile (XHO96)

19. Ngephanyazo baba nesiphelo esilumezayo,beyela bephanziswa kukunkwantya.

20. Nkosi, banjengephupha ekuphaphameni komntu;ubume balo buyalibaleka akuvuka.

21. Ngokuya ndandibindekile,ndikhathazekile entliziyweni,

22. ndandingaqondi, ndisisidenge;ndandiziphethe njengesilwanyana.

23. Kambe ke ndisoloko ndikuwe;undithe chu ngesandla.

24. Ewe, wena uyandithundeza;kamva ke wondamkelela ewongeni.

25. Ndikholosa ngawe usemazulwini;ungowam nje ke, andilinanze nganto ihlabathi.

26. Umzimba nentliziyo zingade ziphelelwe,wona amandla am nguThixo, ulibango lam naphakade.

27. Abakutyeshelayo baya kubhanga;uyabatshabalalisa abaqhankqalazi.

28. Kum ke kuluyolo ukuba kufuphi kuwe, Thixo.Nkosi yam *Ndikhoyo, ndikhuselwa nguwe,ukuze ndibalise ngemisebenzi yakho.

Iindumiso 73