18. Ngenene ubabeka emtyibilizini,bawe batshabalale.
19. Ngephanyazo baba nesiphelo esilumezayo,beyela bephanziswa kukunkwantya.
20. Nkosi, banjengephupha ekuphaphameni komntu;ubume balo buyalibaleka akuvuka.
21. Ngokuya ndandibindekile,ndikhathazekile entliziyweni,
22. ndandingaqondi, ndisisidenge;ndandiziphethe njengesilwanyana.
23. Kambe ke ndisoloko ndikuwe;undithe chu ngesandla.
24. Ewe, wena uyandithundeza;kamva ke wondamkelela ewongeni.
25. Ndikholosa ngawe usemazulwini;ungowam nje ke, andilinanze nganto ihlabathi.
26. Umzimba nentliziyo zingade ziphelelwe,wona amandla am nguThixo, ulibango lam naphakade.