Iindumiso 73:14-28 Ibhayibhile (XHO96)

14. Kaloku andahlukani nentlupheko;miso le ndiyohlwaywa.

15. Xa bendithetha kanjalobendingaba ndingcatsha abantu bakho.

16. Ndizamile ukuyiphonononga le nyewe,kodwa suka yayinkinge kum.

17. Ndide ke ndabhenela engcweleni kaThixo,ndacacelwa ke sisiphelo sabo.

18. Ngenene ubabeka emtyibilizini,bawe batshabalale.

19. Ngephanyazo baba nesiphelo esilumezayo,beyela bephanziswa kukunkwantya.

20. Nkosi, banjengephupha ekuphaphameni komntu;ubume balo buyalibaleka akuvuka.

21. Ngokuya ndandibindekile,ndikhathazekile entliziyweni,

22. ndandingaqondi, ndisisidenge;ndandiziphethe njengesilwanyana.

23. Kambe ke ndisoloko ndikuwe;undithe chu ngesandla.

24. Ewe, wena uyandithundeza;kamva ke wondamkelela ewongeni.

25. Ndikholosa ngawe usemazulwini;ungowam nje ke, andilinanze nganto ihlabathi.

26. Umzimba nentliziyo zingade ziphelelwe,wona amandla am nguThixo, ulibango lam naphakade.

27. Abakutyeshelayo baya kubhanga;uyabatshabalalisa abaqhankqalazi.

28. Kum ke kuluyolo ukuba kufuphi kuwe, Thixo.Nkosi yam *Ndikhoyo, ndikhuselwa nguwe,ukuze ndibalise ngemisebenzi yakho.

Iindumiso 73