11. Bathi: “UThixo ngeke aqonde;uPhezukonke ngeke asibhaqe.”
12. Banjalo ke abakhohlakeleyo;abazihluphi nganto, kodwa bayahluma.
13. Ngani ke ukuba ndiziphathe kakuhle,ndizigcine ndinyulu?
14. Kaloku andahlukani nentlupheko;miso le ndiyohlwaywa.
15. Xa bendithetha kanjalobendingaba ndingcatsha abantu bakho.
16. Ndizamile ukuyiphonononga le nyewe,kodwa suka yayinkinge kum.
17. Ndide ke ndabhenela engcweleni kaThixo,ndacacelwa ke sisiphelo sabo.
18. Ngenene ubabeka emtyibilizini,bawe batshabalale.
19. Ngephanyazo baba nesiphelo esilumezayo,beyela bephanziswa kukunkwantya.
20. Nkosi, banjengephupha ekuphaphameni komntu;ubume balo buyalibaleka akuvuka.
21. Ngokuya ndandibindekile,ndikhathazekile entliziyweni,
22. ndandingaqondi, ndisisidenge;ndandiziphethe njengesilwanyana.
23. Kambe ke ndisoloko ndikuwe;undithe chu ngesandla.