Iindumiso 73:11-17 Ibhayibhile (XHO96)

11. Bathi: “UThixo ngeke aqonde;uPhezukonke ngeke asibhaqe.”

12. Banjalo ke abakhohlakeleyo;abazihluphi nganto, kodwa bayahluma.

13. Ngani ke ukuba ndiziphathe kakuhle,ndizigcine ndinyulu?

14. Kaloku andahlukani nentlupheko;miso le ndiyohlwaywa.

15. Xa bendithetha kanjalobendingaba ndingcatsha abantu bakho.

16. Ndizamile ukuyiphonononga le nyewe,kodwa suka yayinkinge kum.

17. Ndide ke ndabhenela engcweleni kaThixo,ndacacelwa ke sisiphelo sabo.

Iindumiso 73