1. Ngenene uThixo umphethe kakuhle uSirayeli;ulungile kwabantliziyo zinyulu.
2. Kodwa ke mna suka ndathandabuza,ewe, gcwizi ndityibilike,
3. kuba ndinekhwele ngabaqhayisayo,kukubona inkqubela yabakhohlakeleyo.
4. Kaloku bona abazani nantlungu;baphile bayimiqaba-qaba.
5. Abakhathazwa nto njengabanye abantu;abafunyanwa zizibetho njengabanye.
6. Ngoko ke bagaxel' ikratshi;bathi wambu ugonyamelo.
7. Badumb' amehlo kukutyeba;iintliziyo ziphuphum' ubuqhophololo.
8. Bayangcikiva benentlamba;baziphakamisile basongela ngengcinezelo.
9. Bangcikiva nkqu namazulu;batheth' unothanda emhlabeni.