Iindumiso 71:9-22 Ibhayibhile (XHO96)

9. Ungandilahli ndakuguga;ungandishiyi ndakuphelelwa ngamandla.

10. Iintshaba zifakan' imilomo ngam;abandizungulayo bayacebisana.

11. Bathi: “Ulahliwe nguThixo.Masimsukele simgxagxamise.Akukho uya kumhlangula.”

12. Sondela kum, Thixo!Khawuleza undincede, Thixo wam!

13. Abandihlaselayo mabahlazeke babhubhe.Ngamana baphoxeka bahlazekaabazungula ukundenzakalisa.

14. Ndiya kuthembela kuwe rhoqo,ndikubonge njalo-njalo.

15. Ndiya kububhengeza ubulungisa bakho,ndihlale ndiluvakalisa usindiso lwakhonakuba lungenakuphicothwa.

16. Ndize kukudumisa, Mhlekazi Ndikhoyo,ngenxa yamandla akho,ndikubonge ngobulungisa obungakanana.

17. Wandifundisa kwasebuncinaneni, Thixo.Unangoku ndisayincoma imisebenzi yakho,kuba iyamangalisa.

18. Nangona ndiyingwevu nje, sukundilahla, Thixo,ndide ndiwabhengeze amandla akhonakwizizukulwana ezizayo.

19. Amandla nobulungisa bakho, Thixo,bufikelela emazulwini.Kambe zinkulu izinto ozenzileyo.Awu, Thixo, akakho onjengawe!

20. Undithubelezise ezinkathazweni ezininzi;kambe ke uya kundihlangula ekufeni,undikhuphe emathunjini omhlaba.

21. Uya kundizimasa, undithuthuzele kwakhona.

22. Ndiya kubeth' ihapu ndikubonge,kuba uthembekile, Thixo wam.Ndobeth' ikatala ndikudumise,wena Ngcwele kaSirayeli.

Iindumiso 71