15. Ndiya kububhengeza ubulungisa bakho,ndihlale ndiluvakalisa usindiso lwakhonakuba lungenakuphicothwa.
16. Ndize kukudumisa, Mhlekazi Ndikhoyo,ngenxa yamandla akho,ndikubonge ngobulungisa obungakanana.
17. Wandifundisa kwasebuncinaneni, Thixo.Unangoku ndisayincoma imisebenzi yakho,kuba iyamangalisa.
18. Nangona ndiyingwevu nje, sukundilahla, Thixo,ndide ndiwabhengeze amandla akhonakwizizukulwana ezizayo.
19. Amandla nobulungisa bakho, Thixo,bufikelela emazulwini.Kambe zinkulu izinto ozenzileyo.Awu, Thixo, akakho onjengawe!
20. Undithubelezise ezinkathazweni ezininzi;kambe ke uya kundihlangula ekufeni,undikhuphe emathunjini omhlaba.
21. Uya kundizimasa, undithuthuzele kwakhona.
22. Ndiya kubeth' ihapu ndikubonge,kuba uthembekile, Thixo wam.Ndobeth' ikatala ndikudumise,wena Ngcwele kaSirayeli.
23. Ndiya kumemelela ndinemincili,ndicule ngokuzimisela okukhulungenxa yokuba undihlangule.
24. Ndiya kubalisa ngobulungisa bakho,ndithethe ngabo ndingaphezi,kuba abo babezama ukundenzakalisabahlazisiwe batsho baphoxeka.