Iindumiso 71:12-17 Ibhayibhile (XHO96)

12. Sondela kum, Thixo!Khawuleza undincede, Thixo wam!

13. Abandihlaselayo mabahlazeke babhubhe.Ngamana baphoxeka bahlazekaabazungula ukundenzakalisa.

14. Ndiya kuthembela kuwe rhoqo,ndikubonge njalo-njalo.

15. Ndiya kububhengeza ubulungisa bakho,ndihlale ndiluvakalisa usindiso lwakhonakuba lungenakuphicothwa.

16. Ndize kukudumisa, Mhlekazi Ndikhoyo,ngenxa yamandla akho,ndikubonge ngobulungisa obungakanana.

17. Wandifundisa kwasebuncinaneni, Thixo.Unangoku ndisayincoma imisebenzi yakho,kuba iyamangalisa.

Iindumiso 71