1. *Ndikhoyo, ndizimela ngawe, mandingaze ndidaniswe.
2. Njengokuba ulilungisa, ndihlangule undisindise;ndiphulaphule, undikhulule.
3. Yiba ngumqolomba wokuzimela;yiba yinqaba endiphephela kuyo.Thetha ngezwi ndikhuseleke;kaloku uligwiba elindikhuselayo.
4. Thixo wam, ndihlangule kwabakhohlakeleyo,ndingabanjwa ngabagwenxa nezikhohlakali.
5. Kaloku ithemba lam nguwe, Nkosi;ndakholosa ngawe ndisengumntwana, Ndikhoyo.
6. Ndaqamela ngawe kwasekuzalweni;ndakhutshwa nguwe kumama.Ndiya kukubonga njalo-njalo.
7. Ndisisimanga kwabaninzi,kodwa ke wena uyandikhusela.
8. Ndiswel' imilomo yokukubonga,ndikudumise maxa onke.