Iindumiso 68:7-14 Ibhayibhile (XHO96)

7. Ke wena, Thixo, wabakhokela abantu bakho;wanyantsula, wacanda entlango.

8. Umhlaba watsho wanyikima, yagalelek' imvula,ngokufika kukaThixo waseSinayi;ewe, nditsho uThixo wamaSirayeli.

9. Wena, Thixo, wathulula izandyondyo zemvula,walinyanga ilizwe lakho elibharhileyo.

10. Abantu bakho watsho bazuza umhlaba wokuma;ngenceba yakho wabazelelela abahlelelekileyo.

11. INkosi inika umyalelo,batsho babe baninzi abavakalisa iindaba.

12. Iinjengele zomkhosi nâzo zibaleka;ke bona abafazi basala besab' amaxhoba.

13. Sebengathi ngamahobe ahonjiswe ngesiliva;amaphiko ehonjiswe ngegolide.

14. Wathi uSomandla ukubasarhaza ookumkani,kwatsho kwalal' ikhephu eZalmon.

Iindumiso 68