5. UThixo usendlwini yakhe engcwele.Nguyise weenkedama, umthetheleli wabahlolokazi.
6. Abangenabani ubenzela izihlobo.Amabanjwa uwakhokelela enyhwebeni;ke bona abavukeli bohlala kwelingumqwebedu.
7. Ke wena, Thixo, wabakhokela abantu bakho;wanyantsula, wacanda entlango.
8. Umhlaba watsho wanyikima, yagalelek' imvula,ngokufika kukaThixo waseSinayi;ewe, nditsho uThixo wamaSirayeli.
9. Wena, Thixo, wathulula izandyondyo zemvula,walinyanga ilizwe lakho elibharhileyo.
10. Abantu bakho watsho bazuza umhlaba wokuma;ngenceba yakho wabazelelela abahlelelekileyo.
11. INkosi inika umyalelo,batsho babe baninzi abavakalisa iindaba.
12. Iinjengele zomkhosi nâzo zibaleka;ke bona abafazi basala besab' amaxhoba.
13. Sebengathi ngamahobe ahonjiswe ngesiliva;amaphiko ehonjiswe ngegolide.
14. Wathi uSomandla ukubasarhaza ookumkani,kwatsho kwalal' ikhephu eZalmon.
15. Iphakamile ke kambe intaba iBhashan;yintaba encopho zininzi.
16. Zintabandini, ngani ukuba niyigxeleshe intaba,nditsho intaba enqwenelekayo kuThixo,apho wohlala khona ngonaphakade uNdikhoyo!
17. UNdikhoyo weza ngeenqwelo ezimawaka-waka,ephuma eSinayi, esiza ebhotwe.
18. Wantinga, wanyukela phezulu,erhuqa umngcelele wabathinjwa,wamkela izipho ebantwini,ewe, nditsho nakwabamvukelayo,ukuze uNdikhoyo uThixo ahlale khona.
19. Yibongeni iNkosi!Mihla le iyasazelelela, uThixo ngumsindisi wethu.