Iindumiso 64:3-10 Ibhayibhile (XHO96)

3. Ulwimi lwabo lubukhali njengekrele;bajolisa ngamazwi abukhali okweentolo.

4. Balalela badubule abamsulwa;babaqubula bengenasazela.

5. Bayakhuthazana kobu bukrelemnqa;bafuthelana ngamayelenqe;bathi: “Soze sibonwe!

6. Ngubani onokulibhaqa eli yelenqe lethu?Iqhinga lethu silenze ngobuchule.”Kaloku intliziyo yomntu lulwandle!

7. Kodwa ke uThixo uya kubadubula ngotolo;uya kubachana benzakale bengalindelanga.

8. Uya kubabhubhisa ngenxa yokuthetha kwabo,abababonayo banikine iintloko.

9. Bonke baya kutsho boyike,bakubhengeze akwenzileyo uThixo,bayetyise imisebenzi yakhe.

10. Amalungisa makonwatyiswe *nguNdikhoyo.Ewe, makazimele ngaye;onke amalungisa makaqhayise ngaye.

Iindumiso 64