4. Ndiya kukubonga lo gama ndisaphilayo;ndiya kunyukela kuwe ngomthandazo.
5. Ndiya kutya ndide ndincinde amafutha;ndiya kumemelela ndicule ndinemihlali.
6. Emandlalweni wam ndicinga ngawe;ndicamngca ngawe phakathi kobusuku.
7. Kaloku wena uluncedo lwam;ngamaphiko akho uyandikhusela, nditsho ndicule ndinemincili.
8. Ndizimisele ukuthi nca kuwe;kaloku wena uyandixhasa.
9. Ke bona abafunana nobomi bambaya kweyela kwelabafileyo.
10. Baya kubulawa ngekrele,babe lixhoba leengcuka.
11. Ke yena ukumkani uvuyiswa nguThixo.Bonke abaqamela ngaye baya konwaba.Amaxoki ke wona aya kusikw' umlomo.