Iindumiso 63:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Wena Thixo, unguThixo wam, ndithe swi nguwe.Umphefumlo wam uyakulangazelela.Ndihlala ndizula-zula ndikufuna;ndinxanele wena oku komhlaba obharhileyo.

2. Ndikuzingela phakathi *esibingelelweni,ukuze ndibone amandla nesidima sakho.

3. Kaloku izibele zothando lwakho ziyabugqwesa nobomi,ngoko ndiya kuhlala ndikudumisa.

4. Ndiya kukubonga lo gama ndisaphilayo;ndiya kunyukela kuwe ngomthandazo.

5. Ndiya kutya ndide ndincinde amafutha;ndiya kumemelela ndicule ndinemihlali.

6. Emandlalweni wam ndicinga ngawe;ndicamngca ngawe phakathi kobusuku.

7. Kaloku wena uluncedo lwam;ngamaphiko akho uyandikhusela, nditsho ndicule ndinemincili.

8. Ndizimisele ukuthi nca kuwe;kaloku wena uyandixhasa.

9. Ke bona abafunana nobomi bambaya kweyela kwelabafileyo.

10. Baya kubulawa ngekrele,babe lixhoba leengcuka.

Iindumiso 63