4. Yiza, Ndikhoyo, undihlangule;ndikhulule ngenxa yothando lwakho olungajikiyo.
5. Kaloku akusekho kukukhumbula kwabafileyo;akukho bani unokukudumisa engcwabeni.
6. Sendide ndatyhafa sisingqala;ubusuku ngobusuku ndiyantywizisa;umqamelo umanzi tixi ziinyembezi.
7. Atyhumfutyhumfu amehlo am kukulila;sekude kwanzima nokujonga.Ndinje nje nje kungenxa yeentshaba zam.
8. Sukani kum, nonke nina mathol' esihulu-hulu!Kaloku uNdikhoyo usivile isingqala sam.
9. Ukuvile ukubongoza kwam,wawuphulaphula umthandazo wam.
10. Ziya kudana, zidideke zonk' iintshaba zam;ziya kujika ngephanyazo, ziphoxekile.