9. Ungumkhuseli wam, ndizimela ngawe;ulikhakha lam, wena Thixo.
10. Ngenxa yokuba undithandauyandihlangabeza, Thixo wam;uya kuziswantsulisa iintshaba zam.
11. Musa ukubatshabalalisa, Thixo,khon' ukuze abantu bakho bafumane umzekelo.Ngaloo mandla akho basarhaze babe zizibhadu-bhadu.Ulikhakha lethu, wena Ndikhoyo.
12. Kukrwada ukuthetha kwabo;mabaxakane nekratshi labo,kuba bayaqalekisa, futhi bayaxoka.
13. Babhubhise ngomsindo wakho;batshabalalise kuthi tu,khon' ukuze ihlabathi laziukuba kwaYakobi kulawula uThixo.
14. Baphuma ngamarhatya, ngathi zizinja ezilambayo,benze umkhulungwane esixekweni.
15. Bafunana nokutya, barhaqaze bakuba benganeli.