Iindumiso 59:6-12 Ibhayibhile (XHO96)

6. Baphuma ngamarhatya,ngathi zizinja ezilambayo,benze umkhulungwane esixekweni.

7. Nâbo begragrama,iilwimi zabo ngathi likrele;bathi ngubani obakhathaleleyo.

8. Ke wena, Ndikhoyo, uyabahleka;ewe, ziyintlekisa kuwe iintlanga.

9. Ungumkhuseli wam, ndizimela ngawe;ulikhakha lam, wena Thixo.

10. Ngenxa yokuba undithandauyandihlangabeza, Thixo wam;uya kuziswantsulisa iintshaba zam.

11. Musa ukubatshabalalisa, Thixo,khon' ukuze abantu bakho bafumane umzekelo.Ngaloo mandla akho basarhaze babe zizibhadu-bhadu.Ulikhakha lethu, wena Ndikhoyo.

12. Kukrwada ukuthetha kwabo;mabaxakane nekratshi labo,kuba bayaqalekisa, futhi bayaxoka.

Iindumiso 59