5. Ndikhoyo, Thixo Somandla,wena Thixo kaSirayeli,phakama uze kundinceda!Vela undibone kaloku.Zivukele uzohlwaye iintlanga.Mabangasindi abaphembi boqhushululu.
6. Baphuma ngamarhatya,ngathi zizinja ezilambayo,benze umkhulungwane esixekweni.
7. NĂ¢bo begragrama,iilwimi zabo ngathi likrele;bathi ngubani obakhathaleleyo.
8. Ke wena, Ndikhoyo, uyabahleka;ewe, ziyintlekisa kuwe iintlanga.
9. Ungumkhuseli wam, ndizimela ngawe;ulikhakha lam, wena Thixo.
10. Ngenxa yokuba undithandauyandihlangabeza, Thixo wam;uya kuziswantsulisa iintshaba zam.
11. Musa ukubatshabalalisa, Thixo,khon' ukuze abantu bakho bafumane umzekelo.Ngaloo mandla akho basarhaze babe zizibhadu-bhadu.Ulikhakha lethu, wena Ndikhoyo.
12. Kukrwada ukuthetha kwabo;mabaxakane nekratshi labo,kuba bayaqalekisa, futhi bayaxoka.
13. Babhubhise ngomsindo wakho;batshabalalise kuthi tu,khon' ukuze ihlabathi laziukuba kwaYakobi kulawula uThixo.