1. Khawundihlangule ezintshabeni, Thixo wam;ndikhusele kwabo bandihlaselayo.
2. Ndihlangule kubantu abagwenxa;ndisindise kwizikrelemnqa.
3. Uyabona bayandilalela.Izikhohlakali zidibana ngam,ndingonanga nokona, *Ndikhoyo.
4. Hayi, andenzanga nento le,kodwa nâbo bendiqulela.
5. Ndikhoyo, Thixo Somandla,wena Thixo kaSirayeli,phakama uze kundinceda!Vela undibone kaloku.Zivukele uzohlwaye iintlanga.Mabangasindi abaphembi boqhushululu.
6. Baphuma ngamarhatya,ngathi zizinja ezilambayo,benze umkhulungwane esixekweni.
7. Nâbo begragrama,iilwimi zabo ngathi likrele;bathi ngubani obakhathaleleyo.
8. Ke wena, Ndikhoyo, uyabahleka;ewe, ziyintlekisa kuwe iintlanga.
9. Ungumkhuseli wam, ndizimela ngawe;ulikhakha lam, wena Thixo.
10. Ngenxa yokuba undithandauyandihlangabeza, Thixo wam;uya kuziswantsulisa iintshaba zam.
11. Musa ukubatshabalalisa, Thixo,khon' ukuze abantu bakho bafumane umzekelo.Ngaloo mandla akho basarhaze babe zizibhadu-bhadu.Ulikhakha lethu, wena Ndikhoyo.