Iindumiso 58:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngaba anikhethi buso na kodwa,nina balawuli, xa nilawulayo?Anibalamli ngegobe kodwa abantu?

2. Hayi bo! Niyila inkohlakalo;kweli hlabathi naba ugonyamelo.

3. Abakhohlakeleyo banxaxha bezalwa nje;ewe, banxaxha besesesizalweni, bathethe ubuxoki.

4. Banobuhlungu njengeenyoka;banjengenyushu ezenza isithulu,

5. ukuze ingeva tu xa iculelwa ngabo banemilingo;ubuqili benkintsela bungasebenzi.

Iindumiso 58