6. Bandithiyela ngezabatha; ndatsho ke ndaminxeka.Bandimbela umwonyo; suka kweyela kwabona.
7. Awu, Thixo, ndizimisele ngokupheleleyo;ewe, ngenene, andithandabuzi;ndiza kumemelela nditsholoze!
8. Awuhoyi na, mphefumlo wam?Ndosuka ndiqubul' ihapu nekatala;ewe, ndovuka xa kumpondo zankomo.
9. Ndiya kukuncoma phakathi kweentlanga, Nkosi;ewe, ndokudumisa naphakathi kwezizwe.
10. Izibele zakho zibalasele ezulwini;ukuthembeka kwakho kurhec' amafu.