9. Nqanda, Mhlekazi!Waphuthise amacebo abo!Kubhidanise ukuthetha kwabo, bangevani,kuba ndibona ugonyamelo nesidube-dube esixekweni.
10. Imini nobusuku bajikeleza ezindongeni zesixeko;siyaphuphuma bububhoja nobutshijolo.
11. Ewe, siphuphuma intshabalalo;ezindaweni zeembutho yingcinezelo nobukrelemnqa.
12. Kambe ke andingcikivwa lutshaba.Ukuba ibilulo bendinganyamezelayo.Asinguye ondichasayo lo undiqholoselayo,okanye bendingamphephayo.
13. Koko nguwe, ntangam, wena gxa wam,mhlobo wam osenyongweni.
14. Fudula sisidl' imbadu kunye;endlwini kaThixo sasikunye, singumtya nethunga.
15. Ngamana zahlaselwa kukufa iintshaba zam.Ewe, ngamana zehlela kwelabafileyo zihleli.Koloku amakhaya azo aqhelene nobubi.
16. Kambe ke ndibhenela kuThixo.Ewe, *uNdikhoyo uya kundihlangula.
17. Kusasa emini nangokuhlwandithiwe mbende ngumva-ndedwa;saye ke isililo sam sinyukela kuye,futhi ke uza kundiphulaphula.
18. Yena uza kundikhulula,ndingenawo nowempumlo,kweli dabi ndikulo,kwezingaka zona iintshaba.
19. Ewe, uThixo owaba sesihlalweni kwamandulo uza kusabela;waye ke eya kuzibhukuqa.Kaloku zona aziguquki, zingamkhathalele noThixo.