5. Andoyiki ndiyagubha!Ukunkwantya kuyandirhwaqelisa.
6. Ndide ndithi: “Akwaba bendinamaphiko njengehobe!Bendiya kuntinga ndiye kuphumla kude lee.
7. Ewe, bendiya kubethwa ngumoya,ndihlale entlango.
8. Ndandiya kukhawuleza ndizifunele umqolomba,ndiyizimele kuyo imimoya ebhudlayo.”
9. Nqanda, Mhlekazi!Waphuthise amacebo abo!Kubhidanise ukuthetha kwabo, bangevani,kuba ndibona ugonyamelo nesidube-dube esixekweni.
10. Imini nobusuku bajikeleza ezindongeni zesixeko;siyaphuphuma bububhoja nobutshijolo.
11. Ewe, siphuphuma intshabalalo;ezindaweni zeembutho yingcinezelo nobukrelemnqa.
12. Kambe ke andingcikivwa lutshaba.Ukuba ibilulo bendinganyamezelayo.Asinguye ondichasayo lo undiqholoselayo,okanye bendingamphephayo.
13. Koko nguwe, ntangam, wena gxa wam,mhlobo wam osenyongweni.
14. Fudula sisidl' imbadu kunye;endlwini kaThixo sasikunye, singumtya nethunga.
15. Ngamana zahlaselwa kukufa iintshaba zam.Ewe, ngamana zehlela kwelabafileyo zihleli.Koloku amakhaya azo aqhelene nobubi.
16. Kambe ke ndibhenela kuThixo.Ewe, *uNdikhoyo uya kundihlangula.
17. Kusasa emini nangokuhlwandithiwe mbende ngumva-ndedwa;saye ke isililo sam sinyukela kuye,futhi ke uza kundiphulaphula.
18. Yena uza kundikhulula,ndingenawo nowempumlo,kweli dabi ndikulo,kwezingaka zona iintshaba.
19. Ewe, uThixo owaba sesihlalweni kwamandulo uza kusabela;waye ke eya kuzibhukuqa.Kaloku zona aziguquki, zingamkhathalele noThixo.
20. Ewe, obefudula engugxa wamsuka wavukela izihlobo zakhe,wasaphula isithembiso sakhe.
21. Yena wayethetha kamnandi,kodwa intliziyo yona ifukam' inkohlakalo.Amazwi akhe ayelalanisa,kodwa engebukhali, eyintshengeca!