2-3. Sabela, undiphendule.Kaloku iinkathazo zindongamele.Ngenxa yezisongelo zeentshaba zam ndididekile;ingcinezelo yabangendawo indixinile.Bafumba inkxwaleko phezu kwam;futhi bandingcikiva ngolunya.
4. Ndiyajijitheka ngaphakathi;izoyikiso zokufa zindivingcele.
5. Andoyiki ndiyagubha!Ukunkwantya kuyandirhwaqelisa.
6. Ndide ndithi: “Akwaba bendinamaphiko njengehobe!Bendiya kuntinga ndiye kuphumla kude lee.
7. Ewe, bendiya kubethwa ngumoya,ndihlale entlango.