Iindumiso 55:15-23 Ibhayibhile (XHO96)

2-3. Sabela, undiphendule.Kaloku iinkathazo zindongamele.Ngenxa yezisongelo zeentshaba zam ndididekile;ingcinezelo yabangendawo indixinile.Bafumba inkxwaleko phezu kwam;futhi bandingcikiva ngolunya.

15. Ngamana zahlaselwa kukufa iintshaba zam.Ewe, ngamana zehlela kwelabafileyo zihleli.Koloku amakhaya azo aqhelene nobubi.

16. Kambe ke ndibhenela kuThixo.Ewe, *uNdikhoyo uya kundihlangula.

17. Kusasa emini nangokuhlwandithiwe mbende ngumva-ndedwa;saye ke isililo sam sinyukela kuye,futhi ke uza kundiphulaphula.

18. Yena uza kundikhulula,ndingenawo nowempumlo,kweli dabi ndikulo,kwezingaka zona iintshaba.

19. Ewe, uThixo owaba sesihlalweni kwamandulo uza kusabela;waye ke eya kuzibhukuqa.Kaloku zona aziguquki, zingamkhathalele noThixo.

20. Ewe, obefudula engugxa wamsuka wavukela izihlobo zakhe,wasaphula isithembiso sakhe.

21. Yena wayethetha kamnandi,kodwa intliziyo yona ifukam' inkohlakalo.Amazwi akhe ayelalanisa,kodwa engebukhali, eyintshengeca!

22. Iingxaki zakho ziphose kuNdikhoyo;yena uya kukuxhasa, akayi kuze aliyekele ilungisa.

23. Kambe ke, Thixo,uya kubeyelisela enzonzobileni abangendawo,ababulali namatshijolo,bengekagqibi nesiqingatha sobomi.Ukanti ke mna ndiya kukholosa ngawe.

Iindumiso 55