Iindumiso 51:2-11 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ndihlambe ndahlukane nabo bonke ububi;ndenze ndibe nyulu, ndingabi nasono!

3. Kaloku ndiyabuvuma ubugwenxa bam;isono sam sindithukuthezele.

4. Eyona ngcambu yesono sam kukuba ndone wena kanye,ndenze into ekuhlazisayo.Ngoko ke undigwebe ngakhona;isigwebo sakho sifanelekile.

5. Kaloku ndaba gwenxa kwasekuzalweni;ndaba ngumoni ndisakhawulwanje nguma.

6. Ewe, wena uthanda umntu onyanisekileyo;ndincede undiphe ingqiqo enzulu.

7. Ndihlambe undicokise ndicoceke;ndihlambe ndibe mhlophe qhwa,ndibe ngaphezu kwalo nekhephu.

8. Mandiphuphume luvuyo nemincili;nakuba undikrobozile nje, mandonwabe.

9. Bufihle ubuso bakho ezonweni zam,ubususe bonke ubugwenxa bam.

10. Ewe, Thixo, intliziyo yam yidale ngokutsha, ibe nyulu;wuhlaziye umoya wam, ndikhaliphe.

11. Musa ukundigxotha, Nkosi yam;ungamthathi uMoya wakho kum.

Iindumiso 51