1. Awu, Thixo, ndiyatarhuzisa!Ngenxa yezibele zothando lwakho,nobubanzi benceba yakho, nceda uzicime iziphoso zam!
2. Ndihlambe ndahlukane nabo bonke ububi;ndenze ndibe nyulu, ndingabi nasono!
3. Kaloku ndiyabuvuma ubugwenxa bam;isono sam sindithukuthezele.
4. Eyona ngcambu yesono sam kukuba ndone wena kanye,ndenze into ekuhlazisayo.Ngoko ke undigwebe ngakhona;isigwebo sakho sifanelekile.
5. Kaloku ndaba gwenxa kwasekuzalweni;ndaba ngumoni ndisakhawulwanje nguma.
6. Ewe, wena uthanda umntu onyanisekileyo;ndincede undiphe ingqiqo enzulu.
7. Ndihlambe undicokise ndicoceke;ndihlambe ndibe mhlophe qhwa,ndibe ngaphezu kwalo nekhephu.
8. Mandiphuphume luvuyo nemincili;nakuba undikrobozile nje, mandonwabe.
9. Bufihle ubuso bakho ezonweni zam,ubususe bonke ubugwenxa bam.