Iindumiso 49:1-13 Ibhayibhile (XHO96)

1. Phulaphulani, nonke zizwe!Yivani, nonke bemi behlabathi!

2. Iindidi zonke maziphulaphule,izityebi ngokunjalo namahlwempu!

3. Ngoku ndiza kuphokoza ubulumko,iingcamango zam zizal' ukuqiqa.

4. Ndiza kujongana nentsonkotha;ndiza kuyichaza ngengoma yehapu.

5. Ndingoyika ntoni ngemihla yobubi,xa ndingqongwe yinkohlakalo yabakhohlisi,

6. abantu abaqamele ngobutyebi,abaqhayisa ngentabalala yobutyebi?

7. Umntu akanako ukusindisa umntu;akanako ukunika uThixo ixabiso lobomi bakhe.

8. Nakanye! Kaloku ixabiso lobomi bomntu likhulu.Alifikeleleki mpela-mpela

9. elo linokumenza abe sisimakade,angaze alibone ingcwaba.

10. Uyabona, kaloku nezilumko ziyafa,izidenge kwanezityhakala!Ubutyebi babushiya kwabakhoyo.

11. Amangcwaba likhaya labo naphakade.Baya kuhlala khona njalo-njalo,nakuba babefudula benemihlaba ebizwa ngabo.

12. Umntu akanako ukukuphepha ukufa ngokuba esisinhanha.Hayi bo! Uyatshabalala njengezilwanyana.

13. NĂ¢so ke isiphelo sabasweli-kuqonda,abo bakhohliswa ziingcinga zabo.

Iindumiso 49