Iindumiso 46:4-11 Ibhayibhile (XHO96)

4. Kukho umlambo omisinga isivuyisayo isixeko sikaThixo,esilikhaya elingcwele likaPhezukonke.

5. UThixo uthe zinzi apho kuso.Ngoko ke asinakuze sitshabalale,kuba yena usinceda kwasekuseni.

6. Izizwe ziyaphithizela;izikumkani ziyabhukuqwa.Lakuhlokoma ilizwi lakheihlabathi litsho linyibilike.

7. *UNdikhoyo uSomandla ungakuthi;ihlathi lethu nguThixo kaYakobi.

8. Yizani nibone akwenzileyo uNdikhoyo.Ewe, uliphanzisile ihlabathi.

9. Ngumaphelis' iimfazwe ehlabathini jikelele.Uyasiqoboza isaphetha,awuvikive umkhonto,amakhaka awantumek' umlilo.

10. Uthetha ngelizwi athi:“Phezani, ndim uThixo.Ndizivelele izizwe;nehlabathi ndilikrobele.”

11. UNdikhoyo uSomandla ungakuthi;ihlathi lethu nguThixo kaYakobi.

Iindumiso 46