Iindumiso 44:14-26 Ibhayibhile (XHO96)

14. Ngoku singundaba-mlonyeni phakathi kwezizwe;sesingabasizelwayo kulo lonke elimiweyo.

15. Ndisoloko ndithiwe mbende lihlazo.Ke zona iintloni zindongamele

16. ngenxa yempoxo nezenyelisoezigityiselwa kum ziintshaba ezindivukeleyo.

17. Zonke ezi zinto zasihlela,nangona singazange sakulibala thina,okanye siwutshinizele umnqophiso wakho.

18. Asizange sikufulathele thina,singazange sanxaxha endleleni yakho.

19. Kodwa elethu linyhashwe laba linxuwa,silahlwe esithokothokweni sobumnyama.

20. Ukuba besikutyeshele, wena Thixo,okanye sanqula thixo bambi,

21. andithi, wena Thixo, ubuya kuyibhaqa na naleyo?Kaloku wena uyabazi ubunzulu beentliziyo.

22. Kambe ke kungenxa yakho sisesichengeni sokubulawa nje;yiyo loo nto sesifana neegusha zokuxhelwa nje.

23. Hayi bo! Vuka, Nkosi yam!Ngani ukuba uthurh' obentlombe?Vuka; sukusinyengez' uhle nomcinga!

24. Ngan' ukuba usilibale kangaka?Ngan' ukuba usifulathele ngolu hlobo,sibe sisisulu sembandezelo nengcinezelo?

25. Ewe, asisazelwe nto konke;sesingoogqush' eluthulini.

26. Ngenxa yothando lwakho olungatshitshiyokhawuvuke usihlangule kaloku!

Iindumiso 44