14. Mabadane badideke abandizondayo;mabarhoxe baphoxeke abazungula ukundenzakalisa.
15. Mabajike benyoshoza abo bathi tshotsho vityo.
16. Abakulangazelelayo mabavuye bagcobe ngawe;abaluthandayo usindiso lwakho mabangaphezi ukuthi:“Huntshu – uyingangalala uNdikhoyo!”
17. Ke mna ndilihlwepu, ndiludwayi;awu, Nkosi, khawundivelele!Umncedi nomhlanguli wam nguwe;sukuba saphozisa maseko, Thixo wam!