1. Ndakhala ndijonge *kuNdikhoyo,wada wandiva ndakuzibika kuye.
2. Wandikhupha emhadini onengozi, nasemgxobhozweni,wandibeka endaweni eyomileyo,ndatsho ndee ngxishishi, ndema.
3. Wandifundisa ingoma yombongo entsha,ingoma yokubonga uThixo wethu.Boyika abaninzi bakuyiqonda loo nto,balibeka kuNdikhoyo ithemba labo.