7. “Xa kunjalo ke, Nkosi, mna ndikholose ngantoni?Elam ithemba likuwe.
8. Ndikhulule kuzo zonke izono zam,ndingade ndihlekwe nazizidenge.
9. Ndiya kuthi cwaka, ndingathethi,kuba nguwe ondifake kule meko.
10. Mus' ukuba sandohlwaya;mus' ukundinkula ndide ndenzakale.
11. Ngokumohlwaya umntu, umbonisa isono.Uyidlavula njengenundu loo nto ayithandayo.Ewe, kambe, umntu ufana nomphunga nje kuwe.
12. “Ndikhoyo, wubazel' iindlebe umthandazo wam;ndive, ndakuzibika kuwe.Ungàthi cwaka xa ndikhala kuwe,kuba ndiselugcinweni lwakho,nam ndisisibhadu-bhadu njengookhokho.
13. Khawundenzele umnyinyivana, khe ndiphefumle,ngoku ndingekemki kweli hlabathi.”