Iindumiso 39:6-13 Ibhayibhile (XHO96)

6. Uhla enyuke njengesithunzi silandelelana nomntu;ubila esoma nje ngenxa yelize;uqweba indyebo engazi nokuba yoba yekabani na.

7. “Xa kunjalo ke, Nkosi, mna ndikholose ngantoni?Elam ithemba likuwe.

8. Ndikhulule kuzo zonke izono zam,ndingade ndihlekwe nazizidenge.

9. Ndiya kuthi cwaka, ndingathethi,kuba nguwe ondifake kule meko.

10. Mus' ukuba sandohlwaya;mus' ukundinkula ndide ndenzakale.

11. Ngokumohlwaya umntu, umbonisa isono.Uyidlavula njengenundu loo nto ayithandayo.Ewe, kambe, umntu ufana nomphunga nje kuwe.

12. “Ndikhoyo, wubazel' iindlebe umthandazo wam;ndive, ndakuzibika kuwe.Ungàthi cwaka xa ndikhala kuwe,kuba ndiselugcinweni lwakho,nam ndisisibhadu-bhadu njengookhokho.

13. Khawundenzele umnyinyivana, khe ndiphefumle,ngoku ndingekemki kweli hlabathi.”

Iindumiso 39