1. Ndathi: “Ndiya kuzilumkela iindlela zam,ndingoni ngokuthetha,ndilubambe ulwimi lwam xa ndiphakathi kwamatshijolo.”
2. Ndathi cwaka, andathetha nto.Ukuthula kwam akuncedanga nto,kodwa noko yona inkxwaleko yathath' unyawo.
3. Ndavalwa luvalo ndisacamanga,ndavukwa ngumva-ndedwa,ndavakala ndibuza ndisithi:
4. “*Ndikhoyo, ndazise isiphelo sobomi bamnenani lemihla yokuphila kwam.Ewe, ndazise ubufutshane bobomi bam.
5. Kaloku imihla yam uyicuthe kakhulu;àyinto konke kuwe imihla yobomi bam;umntu ufana nomphunga nje kuwe.
6. Uhla enyuke njengesithunzi silandelelana nomntu;ubila esoma nje ngenxa yelize;uqweba indyebo engazi nokuba yoba yekabani na.