Iindumiso 38:9-22 Ibhayibhile (XHO96)

9. Nkosi yam, uyawazi umnqweno wam,uyaziva zonke iincwina zam.

10. Ndinovalo, ndiphelelwe ngamandla,namehlo am selebona kaluzizi.

11. Ke zona izihlobo nabamelwana abasondeli kum,nkqu nentsapho yam le icezela phaya.

12. Bayandithiyela abafuna ukundibulala;bayandoyikisa abazungula ukundenzakalisa;bayandibhunga imini yonke.

13. Kodwa mna ndaba njengesithulu, andeva;ndanjengesimumu, andawuvula tu umlomo.

14. Ewe, ndinjengomntu ongaphenduliyo,kuba engeva.

15. Ndikhoyo, ndithembele ngawe;nguwe, Nkosi, Thixo wam, oya kundiphendulela.

16. Ndithandazela nje ukuba ungabayeki bandivuyelele abo bahlekayo xa ndiwayo.

17. Ndingawa nanini na; kaloku iintlungu zindiphethe.

18. Sendizivuma izono zam; ndiyazithiya izigqitho zam.

19. Banamandla abo baziintshaba zam,nĂ¢bo bandithiya kungekho sizathu.

20. Ubuhle bandibuyisela ngobubi,naxa mna ndizama ukwenza okulungileyo.

21. Zungandifulatheli, Ndikhoyo;Thixo wam, mus' ukuchasela kum.

22. Khawuleza undincede, Nkosi, Msindisi wam!

Iindumiso 38