Iindumiso 38:14-22 Ibhayibhile (XHO96)

14. Ewe, ndinjengomntu ongaphenduliyo,kuba engeva.

15. Ndikhoyo, ndithembele ngawe;nguwe, Nkosi, Thixo wam, oya kundiphendulela.

16. Ndithandazela nje ukuba ungabayeki bandivuyelele abo bahlekayo xa ndiwayo.

17. Ndingawa nanini na; kaloku iintlungu zindiphethe.

18. Sendizivuma izono zam; ndiyazithiya izigqitho zam.

19. Banamandla abo baziintshaba zam,nĂ¢bo bandithiya kungekho sizathu.

20. Ubuhle bandibuyisela ngobubi,naxa mna ndizama ukwenza okulungileyo.

21. Zungandifulatheli, Ndikhoyo;Thixo wam, mus' ukuchasela kum.

22. Khawuleza undincede, Nkosi, Msindisi wam!

Iindumiso 38