Iindumiso 37:22-37 Ibhayibhile (XHO96)

22. Boba zizima-mhlaba abo abathamsanqelayo uNdikhoyo,bagxothwe abo abaqalekisayo.

23. NguNdikhoyo okhokelela umntu kwindlela amakahambe ngayo;nguye omenza akholeke kuye.

24. Nokuba uwile, uyavuka,kuba nguNdikhoyo omthundezayo.

25. Ndiyaluphala ngoku,ukanti andizange ndilibone ilungisa lintshubaza,nabantwana balo belamba.

26. Lisoloko libolekisa, lisipha ngesisa,nenzala yalo iyathamsanqelwa.

27. Yahlukana nobubi, wenze okulungileyo;uya kwalulelwa imihla yakho ebomini.

28. Kaloku uNdikhoyo uyakuthanda okulungileyo;akayi kubafulathela abantu bakhe.Wasoloko ebakhusela uNdikhoyo,kodwa yona inzala yamatshijolo iyanqunyulwa.

29. Amalungisa aya kuba zizima-mhlaba,ahlale ngoxolo kude kube nini.

30. Ilungisa lithetha amazwi obulumko;into eliyithethayo isolokoilungile.

31. Lisoloko liwubambile umthetho kaThixo;alisoze licebuke kuwo nanini na.

32. Itshijolo lisoloko lizungula ukubulala amalungisa,

33. kodwa uNdikhoyo akayi kuliyekela kumatshijolo ilungisa,engayi kuliyekela lohlwaywe enkundleni yamatyala.

34. Thembela kuNdikhoyo, uthobele imithetho yakhe;wokunika umhlaba uwume,uwabone amatshijolo etshabalala.

35. Ndalibona lilawula ngegqudu itshijolo,lilugxibha ngathi ngumkhoba wamahlathi.

36. Ndaphinda ndadlula apho, ndabona lingasekho;ndalikhangela, andalifumana konke.

37. Kugqale ukulunga nobumsulwa,kuba kumzisela uxolo umntu ekugqibeleni;

Iindumiso 37