Iindumiso 37:15-26 Ibhayibhile (XHO96)

15. Otyakatywa kwangelawo ikrele,zaphulwe nezo ntolo zawo.

16. Obo buncinanana linabo ilungisa,bungcono kunentaphane ezinayo izikrelemnqa,

17. kuba uya kuzaphul' iimpondo uNdikhoyo izikrelemnqa,awenzelelele wona amalungisa.

18. UNdikhoyo uyawabonelela amalungisa,awenze awume umhlaba ngalo lonk' ixesha.

19. Akayi kuntshubaza ngamaxesh' endlala;ohlutha naxa ikati selilel' eziko.

20. Ke zona iintshaba zikaNdikhoyo zotshabalala,zibhange zixel' ingca etshayo edlelweni.

21. Izikrelemnqa ziboleka zingabuyisi,ke lona ilungisa lipha ngesisa.

22. Boba zizima-mhlaba abo abathamsanqelayo uNdikhoyo,bagxothwe abo abaqalekisayo.

23. NguNdikhoyo okhokelela umntu kwindlela amakahambe ngayo;nguye omenza akholeke kuye.

24. Nokuba uwile, uyavuka,kuba nguNdikhoyo omthundezayo.

25. Ndiyaluphala ngoku,ukanti andizange ndilibone ilungisa lintshubaza,nabantwana balo belamba.

26. Lisoloko libolekisa, lisipha ngesisa,nenzala yalo iyathamsanqelwa.

Iindumiso 37